Sun-El Musician
Ubomi Abumanga
[Verse 1: Msaki]
Bekukudala ngoko useneminqweno
Khawude uwele iblorho, uze nganeno
Bekukudala ngoko usenazinjongo
Khawude uwele iblorho, uze nganeno
Sasikhule sonke
Sphupha emazulwini
Sicakamel' ilanga (sicakamela ilanga)
Yiza ndikhumbuze
Ubomi abumanga

[Chorus: Msaki]
Asoze abekho ofana nawe
Ofana nawe, soze abekho
Asoze abekho ofana nawe
Ofana nawe, soze abekho

[Verse 2: Msaki]
Vul'amehlo ujonge
Noba akululanga
Ntaka zivukile
Ubomi abumanga
Izakhono zakho, neziphiwo zakho
Azikuphelelanga
Ubomi abumanga
Sizokukhanyisela, ibemhlophe indlela
Lizophum' ilanga (lizophum' ilanga)
Yiza ndikukhumbuze
Ubomi abumanga
[Chorus: Msaki]
Asoze abekho ofana nawe (lizophum' ilanga)
Ofana nawe, soze abakho
Asoze abekho ofana nawe (lizophum' ilanga)
Ofana nawe, soze abakho
Asoze abekho ofana nawe (lizophum' ilanga)
Ofana nawe, soze abakho
Asoze abekho ofana nawe (lizophum' ilanga)
Ofana nawe, soze abakho